MASILUNGISE UMZANTSI AFRIKA

INGXOXO NOLUNTU LOMZANTSI AFRIKA

Kunokuba wakhe umbutho onamabhongo ezopolitiko, uHerman Mashaba wasungula ingxoxo noluntu ukuze ave ukuba abemi boMzantsi Afrika bafuna ntoni embuthweni. Ngenyanga ezintathu, ngapha kwezigidi ezimbini ezinesine (2.4 Million) abantu boMzantsi Afrika sele bezibandakanye nalenkqubo. Oluthethwathethwano luze neezimvo neembono kwizinto ezidingekayo ukulungisa uMzantsi Afika. KweYethupha kunyaka ka2020, iActionSA isungule iqonga lolunto lonke loMzantsi Afrika phantsi kwekhwelo Masilungise uMzantsi Afrika”.

INDODA EYAQALA iACTIONSA

IActionSA yasungulwa nguHerman Mashaba ngo2020. Ungu somashishini ophumeleleyo okhulele kwintsokolo kwilali zasemantla ePitoli. UHerman wazakhela ubukhosi boshishino ngeminyaka yoo1980 apha eMzantsi Afrika kodwa engaxolanga kukusilela kweANC. Kunokuba akhalaze wathatha isigqibo sokungena kwezopolitiko asebenze njengo Sodolophu waseRhawutini iminyaka emithathu. UHerman Mashaba waqala iActionSa ngo2020 kuba efuna ukwakha umbutho ozakumela abantu bonke boMzantsi Afrika nozakucela umngeni wolawulo kwiANC ngo2024.

iACTIONSA IYAPHUMELELA EKUBENI IBENGUMBUTHO WODWA OCELA UMNGENI KWIANC

IActionSA ikhuphisene kunyulo luka2021 looRhulumente basemakhaya kooMasipala nje abathandathu kooMasipala abangamakhulu amabini anamashumi asixhenkxe enesibhozo (6 out of 278) kuMzantsi Afrika uphela. Nangona kunjalo, iActionSA ingene njengombutho wesithandathu kwimibutho emikhulu eMzantsi Afrika. Kubo bonke aboMasipala bathandathu, iANC ikhutshiwe elulawulweni kuba iActionSA iphumelele inkxaso ngaphandle kweANC. Ngenxa yoku, abaMasipala abalawulwa ngorhulumento wobambiswano kwaye abasayi kubuyela kwiANC. iActionSA sele iqalisile ukwanda. Amasebe sele emiselwe ukukhuphisana kuwo olithoba amaphondo eli loMzantsi Afrika ngo2024.

IKHOLELWE KULUNTU LOMZANTSI AFRIKA

Igalelo elivela kwizigidi zabemi boMzantsi Afrika, iActionSA imiliselwe kwezizikhokelo:

  1. Inkululeko nempumelelo yomnotho;
  2. Ikamva elingenabuhlanga loMzantsi Afrika;
  3. Ubulungisa kwezentlalo ukulungisa ilifa lethu eludlulileyo;
  4. Ukuzibophelela okumandla kulawulo nomthetho;
  5. Imfundo esemgangathwethi ngokuhlaziywa;
  6. Ubunkokheli obunokuziphatha ngendlela eyiyo nokusebenza ngokunyaniseka;
  7. Intantoyesininzi ethe ngqo, ukonyula ngqo iinkokheli emazilawule.

Ezizikhokelo zenza isiseko semigako-nkqubo nezisombululo zeActionSA eziyizisa eluntwini loMzantsi Afrika.

iACTIONSA IZAKUZIGQATSA IKHUPHISANA KUMZANTSI AFRIKA WONKE NGO2024

iActionSA izakukhuphisana kumaphondo olithoba oMzantsi Afrika ngo2024 kunyulo lukaZwelonke nolwaMaphondo. Iinjongo zethu kukuba ngumbutho wesibini ubukhulu eMzantsi Afrika sikhokele urhulumento wobambiswano ozakukhupha iANC esikhundleni. iActionSA sele ikhuphisa kunyulo lovalo-zikhewu (by-elections) kwaWard 96 eTshwane apho sinyuse khona inkxaso yethu ukusukela kwisithandathu ekhulwini uyakuma kumashumi amabini anesibini ekhulwini (6% to 22%). Sibeka iinkokheli ezinjengo Athol Trollip eMpuma Koloni, uBongani Baloyi eGauteng noKwena Mangope eMntla-Ntshona.